Sunday, January 22, 2017

SIYAKUDUMISA THIXO LYRICS BY MALIBONGWE

siyakudumisa Thixo
siyakuvuma ukuba unguYehova
umhlaba wonke ubhedesha wena
uyise ongunaphakade
zonk'ingelosi zimemeza kuwe
kwanezulu nawo onke amandla akulo
ikherubhim' neserafine zimana zimemeza kuwe
uyingcwele uyingcwele uyingcwele Yehova 
Thixo wemikhosi izulu lizele kwanomhlaba bubukhulu bobungcwalisa bakho
umhlambi wobungcwalis' wabapostile uuuyakudumisa
amakholwa namahle abaprofeti ayakudumisa
umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa
irhament'egcwele kulo lonke ilizwe
iyakuvuma
uyise obukhulu bungenambhaliso
unyana wakh' emnye odumileyo oyinene
kwanomoya oyingcwele umonwabisi
ungukumkani wobungcwalisa wena Krestu
wena ungunyana ongunaphakade woyihlo
uthe wakuba wokonyula umsebenzi wokusindisa abantu
akwasidela isizalo sentombi
uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa
wavulela bonke abakholwayo ubukumkani be zulu
wena uhleli ngase kunene kuThixo
ebungcwaliseni boyihlo
siyakholw' ukuba woza ube ngumgwebi wethu
siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakh' ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo
zenze ukuba zibalw' ndawonye nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade
NKos' sindis' abantu bakho
uthamsanqelise ilifa lakho
Baphathe ubaphakamise kude kube ngunaphakade
Thina Imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena
sihlala sibhedesha igama lakho kude kube ngunaphakade
Sincede Nkosi usilondoloze ngalemini singabi Nasono
Nkosi zusiphathe ngetarhu
Nkos' itarhu lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu lukuwe
Nkosi ndithembe wena mandinyamalala ndidaniswe

No comments: